Slide background

Inkolo Kantu

Slide background

Amatsha-ntliziyo okholelwa

WAMKELEKILE KUBAPHEMBELELI BENKOLO KANTU


UKUSUNGULWA:

akube eqaphele ukuba inkolo yesiNtu isengelwa phantsi ngabasemagunyeni nazezinye iinkolo, amatsha-ntliziyo ale nkolo asungula imibutho enjongo ikukuzabalazela ubunganga bale nkolo. Phakathi kwalo mibutho yaba yiNkolo ka Ntu Traditional Organisation (T.O.) neyayikhokhelwa ngubaw’uTsolwana, umQwathi. Ngo 2007 emva kokucelwa ngubaw’ uDimbaza uNkala, iNkolo ka Ntu T.O. yaza kufaka imvuselelo kwabaw’uNkala eZwelitsha. Kangangomdla owabakho eluntwini ekupheleni kwalo mvuselelo kwamiselwa isigqeba sethutyana esasizakuququzelela ukumiselwa kwesebe. uNkala waya wabekwa njengosihlalo waso, ngelo xesha iindibano zazingenela apho kwabaw’uNkala.

Abantwana

umbutho ukwiphulo lokuqulunqa inkqubo yokubandakanya/ ukufundisa abantwana abancinci. Lo gama ungekaqali, amakhaya ayakhuthazwa ukuba abe efundisa abantwana ukuzithutha neminombo yamakhaya abo. Iintsomi zingasetyenziswa ukufundisa ngezinto ezilungileyo nezingalunganga.